‘Wakhe waziva ukwelokuncama kwaye ulahlekelwe lithemba? Wakhe waziva uphoxekile yinto yonke eyenzekayo ebomini bakho? Ukhe wakufikela umbuzo othi, “Thixo, uphi na?”
Awuwedwa! Nokuba singaba necawe ezigcwalise iindawo zonke, kuye kubonakale ngathi uThixo usiyekele. Zininzi izinto ezingaba negalelo kwezingcinga, kodwa sikholelwa ekubeni simfuna uThixo kwindawo ezingezizo. Kwaye, abantu abaninzi bayohluleka ukokha ubudlelwane noYesu Kristu, lonto ngunobangela wokuphela kothando lwenyaniso kubantu abakholwayo.
Injongo yethu kukuba masikukhuthaze kwaye someleze uthando onalo ngaphakathi sikuncede ekubeni ufumane indlela ekhuselekileyo yokwamkela nokwabelana ngolothando. Ngako oko sizakumazi ngokwenene ukuba ngubani uYesu, sibenethemba kuKristu.