Ubungqina: Thembisa

Helen: Kulungile. Ithini iVuku Family kuwe, kwaye kutheni uyingxenye yayo? Ungasichazela ukuba ithetha ukuthini kuwe?

Thembisa: Kulungile, kum iVuku Family liqela labantu abahlangana kunye bezama ukwazisa abanye ngothando lukaYesu — kwaye babanike nalo uthando. Siya khathalelana. Sakha ubuhlobo. Sifunda iLizwi likaThixo. Sizama ukuluvakalisa — asizukwazi ukulazi ngokupheleleyo, kodwa sizama ukuqonda.

Helen: Ingaba ukujoyina iVuku Family kutshintshe into ebomini bakho?

Thembisa: Kutshintshe kakhulu. Ndandiyindoda engafuni ukujikeleza nabantu. Ndandihlala ndingaphakathi, ebhedini. Andifuni ukuthetha nabantu. Kodwa ndanika iVuku ithuba. Ndiyitshintshile. Ndiyakwazi ukuthetha nabantu ngoku. Ndiyancuma, ndiyahleka. Ndiyavuya — kuba nindibonisile uthando. Nanikathalele. Nivule into ngaphakathi kum.

Last modified: Cawe, 4 Meyi 2025, 10:48 PM