Ubungqina: Thembisa
Helen: Kulungile. Ithini iVuku Family kuwe, kwaye kutheni uyingxenye yayo? Ungasichazela ukuba ithetha ukuthini kuwe?
Thembisa: Kulungile, kum iVuku Family liqela labantu abahlangana kunye bezama ukwazisa abanye ngothando lukaYesu — kwaye babanike nalo uthando. Siya khathalelana. Sakha ubuhlobo. Sifunda iLizwi likaThixo. Sizama ukuluvakalisa — asizukwazi ukulazi ngokupheleleyo, kodwa sizama ukuqonda.
Helen: Ingaba ukujoyina iVuku Family kutshintshe into ebomini bakho?
Thembisa: Kutshintshe kakhulu. Ndandiyindoda engafuni ukujikeleza nabantu. Ndandihlala ndingaphakathi, ebhedini. Andifuni ukuthetha nabantu. Kodwa ndanika iVuku ithuba. Ndiyitshintshile. Ndiyakwazi ukuthetha nabantu ngoku. Ndiyancuma, ndiyahleka. Ndiyavuya — kuba nindibonisile uthando. Nanikathalele. Nivule into ngaphakathi kum.